70 BONA XHOSA - JuIy 1999
NDIFUNA ukubonisa ukuba  ndiyeyona mbethi-manqindi
ibalaseleyo kwifeatherweight kweli -ndinikeni uCassius Baloyi utshilo uPhilIip Time Bomb Ndou eseqongeni kwincopho yentetho ebatsho bahlokoma abantu ebebekwitheko leKing Kom Boxing World Awards. UNdou ube nesibindi asichole phi sokuthi emva kokunkulwa nguAnthony Campbell eBrithani ngoNovemba nyakenye afune ukulwa nentshatsheli yefeatherweight kwiWorld Boxing Union, uCassius Shy Guy Baloyi?
lnkampu kaNdou ithi kwiinyanga nje ezimbini emva kokunkulwa, le mbethi-manqindi eselula emnyaka ingama-21 iwubonisile umnqweno wayo wokuphumelela ngokuhlwitha intshinga yejunior featherweight kuJackie Pressure Cooker Gunguluza kumjikelo wesithathu. Oku kwenze uNdou waba uphumelele kwimilo  - eli-1O kuyo ezilalisa ngophotho iimbethi-manqindi alwa nazo, ukanti ubethwe nje kanye kwimilo ehlawulwayo eli-12, nto leyo imenze wafumana ibhaso leProspect Boxer of the Year.
Emva kokubetha u-Pressure Cooker, uNdou kwakhona ucel umngeni uBaloyi owalalisa ngophotho
kumjikelo wethoba uSaid Lawal waseNigeria kumlo obuseBrithani.
UBaloyi (onama-23 eminyaka) wenze kakuhle ngokungafuni ukuzibandakanya kwimpikiswano noNdou othetha kakhulu. lnyambalala yabathandi bamanqindi namajelo eendaba ibilindele impendulo yakhe...kodwa emva kwezicengo ude wavuma uBaloyi ozolileyo ukuthetha nabalandeli bakhe nabantu abasemanqindini esebenzisa iBONA. Naku akutshiloyo:
Mandiqale ndithi yandicaphukisa into eyathethwa nguNdou. Bekungekho mfuneko yokuba athethe ngolo hlobo. Uyazi ukuba ufanele athini xa efuna nyhani ukulwa nam. lsizathu sokuba ndivalu mlomo nangona endinyola kungenxa yokuba ndiyimbethi-manqindi evuthiweyo - kunjalonje oko akuphelele eqongeni kuphela. Kukwathetha indlela ubani aziphatha ngayo xa engekho eqongeni lamanqindi.
Utata owandazisa lo mdlalo undicebise ukuba njengembethi-manqindi evuthiweyo ndingakuvumeli kudicaphukise okutshiwo nguNdou. Okwenziwa nguNdou akufuneki kwaye. kubonisa ukuba akavuthwa. Mna ndibona ukuba xa iimbethi-manqindi ezimbini zidelene kufuneka zikhwele eqongeni Iamanqindi zingagibiselani ngamazwi kumajel endaba. Ligwala elenjenjalo.
Ndithelekiseni noBaloyi! ,. utshilo uPhilIip Time Bomb Ndou oyintshatsheli yeli yefeatherweight engashwantshwathi.


mmandla siwubangele waqondwa.
Ngezaa mini sasisalwa singahlawulwa sasikumaqela ayemela ilizwe kwiintumente zamazwe ngamazwe. Kanti ke, ndim owacenga uNdou ukuba angene kudidi lweembethi-manqindi ezi hlawulwayo.
Emva kokoyiswa kwi1996 Atlanta Games, wathi uza kuhlala eyimbethi-manqindi engahlawulwayo ukuze angenele iSydney 2000 Olympic Games. Ndidibene naye kwindibano yeembethi-manqindi ezingahlawulwayo zeli ePhalaborwa eminyakeni emibini edlulileyo ndazama ukumbonisa ukuba akanakufumana mbasa eSydney ngenxa yenkqubo yokuzuza amanqaku apho. Ndamcenga ukuba aye eJohannesburg ukuze
aziqeqeshe kwinkampu yamanqindi kaNick Durandt. Apho besihlala gumbini linye siprektiza amanqindi sobabini ejimini.
Phofu ke akukho nto ndinokuyizuza ngokulwa noNdou. Ngaba ndichitha nje ixesha kuba ndiyintshatsheli yehlabathi, yena yintshatsheli yaseMzantsi Afrika.
lntshatsheh yehlabathi uCassius Shy Guy Baloyi uthi:
Linqindi endifuna Iithethe.
Umfo Oneentloni uthi:
lmbangi yokuba ndingafuni ukulwa noNdou -uCassius
Baloyi
kubalisa UBONGANI KA LUKHELE kufote uMUSA HLABANE

Ukususela oko uCassius Baloyi oyintshatsheli yeWBU
feartherweight wahlaselwa nguPhilliph Ndou ude wavuma
ukuchaza isizathu sokuba angafuni ukulwa noNdou
njengembethi-manqindi evuthiweyo
Kukho iqela lezizathu zokuba ndingafuni ukulwa noNdou, utshilo uBaloyi. Sobabini sivela kwingingai enye kwiPhondo eliseMntla. Ungowasevenda kanti mna ndingowaseMalamulele. Le mimandla yohlukaniswe nje yi-35km. Abantu bayo baneqhayiya ngesele sikufezile kuba lo

Akayombethi-manqindi enobuchule nesisilumko njengoCassius, kwaye akasokuze afike kumanqwanqwa ekuwo imbethi-manqindi, utshito uTshabalala efing iintshiya. Xa uCassius embethile akukho nto aza kulahlekelwa yiyo. Ufuna ukuqhayisa ngelokuba ukhe walwa nenye yeentshatsheli zehlabathi ekudidi IukaCassius.
UTshabalala ukhe wayiqolozela ingxelo kaCassius.
Ukhe wabethwa walala ngophotho
Time Bomb Ndou ungahle uphele ejongile xa unokuphulaphula okuthethwa nguTshabalala. Unenkolo yokuba uNdou yimbethi-manqindi eselula nesetyenziswa ngabaqeqeshi bayo ukuba ikhuphe izixhiba ezidala.
UTshabalala, uBaloyi nezinye iimbethi-manqindi ezininzi bashiye inkampu kaNick Durandt, umqeqeshi kaNdou malunga neminyaka emibini edlulileyo emva kokuba uDurandt wangena engxakini ngenxa yeentetho zobuhlanga ekuthiwa wazitsho.
Ndiza kumyeka athethe yonk into afuna ukuyitsho, andizuthoba isidima sam ngokuxambulisana naye. Kodwa kufuneka azi ukuba ikratshi landulela isiwo.
Umqeqeshi kaBaloyi, uElias Tshabalala, akamphikisi. Uyavuma ukuba uya kuba uchitha ixesha namandla akhe ngokulwa noNdou kuba abakho kwinqanaba elinye noBaloyi.
Ukuba uPhillip ubeyintshatsheli yehlabathi besiya kuluqwalasela ucelo-mngeni lwakhe. Okwangoku asinamdla kuye kuba akanto ukanti uCassius uligugu lethu.
	Hayi asinamdla kuNdou kuba asinakutya nto kanti uCassius ubalulekile, utshilo umqeqeshi kaBaloyi uElias Tshabalala.
yimbethi-manqindi engaziwayo eyalalisa ngophotho iimbethi-manqindi ezi-6 kwimilo yayo engama-32, kuquka ne-14 angazange ayiphumelele. Ubutemtem bukaNdou babonakala kuloo mlo. Eyona nto anomdla kuyo kukufuna nje uBaloyi amncedise abe sisityebi.
Nkqu nenkampu le yakhe iyazi ukuba akanakulwa noCassius. Okubabangela badanduluke befuna ukulwa noCassius kukwazi ukuba baya kufumana intywenka nyemali ngokungena nje naye eqongeni.
Mhlawumbi umsebenzi kaPhillip
 UTshabalala owayengumqeqeshi oncedisa uDurandt ngoko uyavuma ukuba uDurandt usakhala esimantshiyane kukulahlekelwa yimbethi-manqindi efana noBaloyi.
Endiza kukutsho ngoku kuza kothusa abantu abaninzi kuze kumvul amehlo uNdou. Xa sasibaqeqesha kwinkampu kaNick wayedla ngokujonga kuNdou xa bengcweka noCassius aze akhalaze ngokuba uNdou unconywa gqitha kodwa yena umbona eyimbethi-manqindi nje engekho mgangathweni ubhekele phi. Wayedla ngokuncoma ubuchule bukaCassius - kwaye evuma ukuba uCassius unobuchule bamanqindi ngaphezulu kukaNdou.
Le mbethi-manqindi iselula ibethwa ngemf iphindiwe. Kodwa imini eya kuze imvus ebuthongweni azazi ukuba uphi.
UCassius uza kulwa noKennedy McKinney, obefudula eyintshatsheli yejunior featherweight kwilntemational Boxing Federation, utshilo uTshabalala. Oko kubonisa ukuba sizimisele noCassius ukuba abe yenye yeembethi-manqindi zodumo ehlabathi. Kukodwa nje oku kubonisa ukuba asinalo ixesha leembethi-manqindi ezinjengoPhillip. Sijolise kwizinto ezinembaluleka nto leyo engenakusivumela ukuba sibe siphazanyiswe ngokungeyomfuneko.
Kodwa ke njengoko uNdou ebeya kutsho naye, sekumbovu iBombu idubule... 
UBaloyi ephumle emzin akhe kunye nenkosikazi yakhe, uNomagcino.
U
 DANIEL Matumo Senoamadi ohlala eTembisa eEast Rand ukhethe
ukudlala umdlalo ongaqhelekanga. Ngoxa ulutsha oluninzi IwaseMzantsi Afrika ludlal ibhola ekhatywayo, amanqindi okanye luziinjuze, uDaniel yena wayethanda iqakamba.
Uqalise ukudlala eSoweto apho azalelwa khona kodwa kuthe ngo-1988 bafudukele eTembisa apho afumanise ukuba akukho nebala eli leqakamba.
Emva kokuhlala ndingadlali unyaka wonke ndidjbene noCrossby Tladiyane eyokuqhelisela ihockey, ukhumbula oko uDaniel onama-23 eminyaka. Siqale sangabahlobo sithetha ngalo mdlalo kwanocelo-mngeni olulo. Emva
kweentsuku ezintathu ndihambe noCrossby saya kuprekthiza kwibala laseTemong Section kufutshane neRoyal Beechnut Stadium.
UDaniel ukhawuleze wazibonakalisa ukuba ungumdlali othembisayo waza waya kwiModderfontein Development Clinic. Kungekudala ngasekupheleni ko-1992, uDaniel wenza inkqubela de wafumana indawo kwiTembisa Hockey club.
Emva kokudlala ihockey iminyaka emithathu, eyona mpumelelo yam iqalise ngo-1 994. Ndikhethwe kwiqela leEastem Transvaal Under-18 ndaza ndakhethwa njengoyena mdlali uthembisayo kwitumente yamaphondo omane -iEastern Transvaal, iNorthern Transvaal, ikwaZulu-Natal neNtshona Koloni xa ayekhuphisana onke.
Kuthe ngo-1996 uDaniel wakhethwa njengomdlali wonyaka kwaza oku kwamvulela amathuba amaninzi -kwakuloo nyaka ube ngumdlali wokuqala omnyama kwiqela lehockey IaseMzantsi Afrika le-Under 21 elalidlala kwitumente eyayiphakathi kweBotswana, iNamibia neSwaziland
Uncumo Iwempumelelo IukaDaniel Senoamadi ozimisele ukubalasela emdlalweni wehockey.
72 BONA XHOSA - July 1999

Ukuphumelela sekuyindlela yokuphila kuDaniel Senoamadi kodwa ukhethe ukubalasela kumdlalo ongaqhelekanga

kubalisa kukwafote uMUSA HLABANE
UDANIEL 

yesibini kuDaniel okunyaka wakhe
wokugqibela kwizifundo zokuphatha
imidtalo azenza eBoston College
OwahlukiIeyo
eJohannesbu rg. Efunda nje ungum ntwana
wesithathu kusapho olunabantwana abane abahlala nabazali babo eTeanong Section eTembisa.
Phezu kwako nje ukwenzakala okwambangela akadlala iinyanga ezintathu, Io mdlali uthembisayo wehockey uye wothuka kwakhona nyakenye xa kwathiwa ungoyena mdlali wenze inkqubela kwiklabhu yabo kuloo nyaka.
Ndiye ndaziva ndimkhulu xa ndikhethwa njengomdlali wonyaka kwiklabhu yam nekukhonya abamhlophe kuyo. Kundikhuthazite kwaza kwandibangela ndawuthanda kakhulu Io mdlalo. Ndiyalubulela usapho lwasekhaya nabadlali kwiqela lam ngempumelelo yam, ndiza kwenza okusemandleni am ukuba ndibalasele kwakhona kwixa elizayo.

UKUBA UHLALA
ESIYABUSWA...
%



NaIi ithuba Iakho Iokuza kwindibano
yePAMA/BONA WOMENS CLUB!
NaIi ithuba LAKHO lokuza kwindibano
yeRAMA/BONA WOMENS CLUB!
UMHLA: NgoMgqibelo we-1O kuJulayi 1999
INDAWO: eSiyabuswa (KwaPhaahla)
Community Hal!
IXESHA: ngeye-1:30 emva kwemini ukuya
kweye-5:OO malanga
ISITHETHI SEMBEKO: nguR.N.
Mohlamonyane
UMXHOLO: Ulutsha kweZolimo

Manenekazi akwingingqi yaKwaMhlanga eli lithuba lenu lokuza kwindibano elandelayo yeRamalBona.
UNkszn Mohlamonyana ungene kwiSebe lezoLimo ngo-1984. Kwakunyaka omnye ubhalise kwikholeji yezolimo, ekugqibeleni ufumene idiploma yakhe eTomp! Seleka
College ngo-1986. Ngo-1994 uzuze iPlant Ptoduction National Diploma eMangosuthu Technikon. Ukwasebenza kwiSebe !ezoLimo, ubalasele kwizifundo zeAgriculture in Home Economics.
Njengesiqhelo uVeronica Mkari wakwaRama uza kube elapho epheka llresipi ezlluncuthu ukuze nina manenekazi nihambe nazo niziphekele iintsapho zenu. Onke amanenekazi aya kube ekho apho aza kuba sethubeni lokuzuza elinye lamabhaso abanethamsanqa kwiRamalBona. Kuza kubakho iz!muncumuncu kwanokonwabisayo! Fikani ngethuba ukuze ufumane indawo yokuhlala.
lndibano yeRamaIBona ngoAGASTI iza kuba
sePHUTHADITJHABA, ngoMgqibelo umhla we-14.
NONWABE NEBONA NERAMA
80 BONA XHOSA - July i999
